Sonke siphila emoyeni ofanayo
Awuna kuwubona, kodwa ungawuva okanye uwunukise. Umoya
usingqongile ngeendlela ezininzi; ungumphefumlo apha kuthi.
Usinika ubomi, usiphathela isiqabu, uyayidala ingxubakaxaka, ngamanye amaxesha ubekho njengomoya oyimfihlakalo. Amava kunye nemigqaliselo yabantu ngomoya yenza isiseko sezaci neentetha
kwiintlobo-ntlobo zeelwimi.
Kule ncwadi sibhiyozela umoya njengento yendalo nangohlobo
ophucula ngalo izaci namaqhalo kulwimi. Sitsolise ngakumbi
ekwenzekeni kwalento kwiintetha kwisi-Afrikaans, isiNgesi, isiXhosa
nesiZulu.
Sonke siphila emoyeni ofanayo – Khuphela Ulwazi

