Die Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans
“I-SBA ifuna ukugodusa isi-Afrikaans – kubo bonke abasebenzisi besi-Afrikaans – kuzo zonke iintlobo ezithethwa ngayo isi-Afrikaans – nakwimbombo zonke zehlabathi.
I-Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA) ngumbutho onomzila onceda ekusekeni iindawo zoluntu zikwazi ukufunda, ukubala nokubhala, zikwazi ukuzimela kwaye zibe nolwazi ngokusingqongileyo ngokuthi zisebenzise isi-Afrikaans.
Sibonelela ngeenkqubo nemipapasho eyahlukeneyo exhobisa uluntu ngesi-Afrikaans kwaye oko kuncede ekukhuthazeni ukwazi iilwimi ezininzi, nto leyo eyinxalenye yokwakha isizwe.”
Singobani?
Namhlanje i-SBA iyazingca ngokuba ngumbutho onomzila yaye oneengcambu ezizinze nzulu kuluntu lwethu esiluncedayo. Ngokusebenzisa isi-Afrikaans njengesixhobo, sincede ekusekeni iindawo zoluntu ezikwaziyo ukubala, ukufunda nokubhala, ezizimeleyo, nezinolwazi ngokusingqongileyo kwaye ziziqhenye yaye zisithande isi-Afrikaans, ngakumbi ulutsha.
Ukwazi iilwimi ezininzi yenye yezinto ezingundoqo kwi-SBA. Kungoko uninzi lwemipapasho yethu iguqulwa ukuze yonwatyelwe sisininzi. Kwakho, imipapasho yethu iye ilungiselelwe abantu abanokhubazeko ekufundeni, ekuveni nangokwemfundo bakwazi ukuxhamla kwiinkqubo zethu.
Iinkqubo
Imipapasho
– Malcolm X
Yintoni entsha?
Siyavuya ukwabelana nabanye ngeendaba ezimnandi zokuba iSBA’s South Kalahari Stories (isiqendu se-13) nomsasazi uSandra Prinsloo uchongelwe iwonga le-SAFTA kwicandelo elithi, “Best Educational Programme”.
I-Wikkel met werksoek!
SBA sika Job Search Bag Guide
I-Wikkel met werksoek yividiyo esimahla efumaneka kwi-intanethi exhobisa abantu abatsha abafuna umsebenzi ngezakhono eziyimfuneko nolwazi ukuze ubani aphumelele.

