Idrama yamabanjwa

Le nkqubo ye-SBA ibonisa indlela imidlalo yeqonga engaba negalelo ngayo ekuxhobiseni abantu, iintsapho, abaxhomekeke kwiziyobisi, oonqali-ntloko, amabanjwa aphuma entolongweni nakuluntu luphela.

Kumdlalo othi The Ballroom Boy kuboniswa ngezinto zasentlalweni ezingafanelekanga kwakunye nemiceli-mngeni ethi ifunyanwe zizikrelemnqa eziphuma entolongweni xa zizama ukuziqhelanisa nempilo ephilwa ngabantu.

“The Ballroom Boy”

Kumdlalo weqonga, i-Ballroom Boy, indawo ejongwe kakhulu iwela kwimilo eyahlukeneyo yoluntu kunye nemiceli mngeni abagwetywe benetyala abajongana nayo xa bezama ukuphinda bazibandakanye eluntwini emva kokukhululwa kwabo.