Esona sipho sihle onokusinika umntwana kukukwazi ukufunda.
Iqedlana lee ncwadi ezikwi-SBA zenziwe ngenjongo yokuphakula ubuncwane bamabali wabantana baseMzantsi Afrika apho abafundi abancinci bangazibona khona neemeko abakuzo kwaye oku ngumbhiyozo wendawo esiphila kuyo.
Ezi ncwadi ziye zalungiselelwa abafundi abanemingeni ngokwemfundo nasekufundeni, oku kusenziwa ngokuthi kusetyenziswe, phakathi kwezinye izinto, inguqulelo ezimanyelwayo kunye nemiboniso bhanya-bhanya (animations) eyenzelwe abantwana.
Incwadi engomthi ogoso
Ibali elingaphelelwayo elibhalwe ngumbhali wase-Denmark u-Klav Skovsholm
UKhulu noNgcu
Ibali eliphuma kusiba luka-Alae Hanekom, limalunga nengcungcu nokhalakhulu yaye litsala umdla
Umabuzi ogadalala
Eli bali lokwenene laseMzantsi Afrika lisa abafundi kwiziganeko ezingaqhelekanga zempuku yase-Mitchells Plain.
U-Fatima
Eli bali libhalwe ngu-Klav Skovsholm limalunga neziganeko zentombazana encinci uFatima
