Nguba ni u Die Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans?
Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans
“Ngo-1992, kwasekwa iTrasti yokufundisa abantu ukufunda, ukubala nokubhala ngesi-Afrikaans ukuze kuxhotyiswe abantu abasebenzisa isi-Afrikaans, ngakumbi abasemaphandleni eNtshona Kapa. Kule Trasti, kwazalwa i-Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA).
Namhlanje i-SBA iyazingca ngokuba ngumbutho onomzila yaye oneengcambu ezizinze nzulu kuluntu lwethu esiluncedayo. Ngokusebenzisa isi-Afrikaans njengesixhobo, sincede ekusekeni iindawo zoluntu ezikwaziyo ukubala, ukufunda nokubhala, ezizimeleyo, nezinolwazi ngokusingqongileyo kwaye ziziqhenye yaye zisithande isi-Afrikaans, ngakumbi ulutsha.
Ukuze kuxhamle isininzi yenye yezinto ezingundoqo kwi-SBA. Kungoko uninzi lwemipapasho yethu iguqulwa ukuze yonwatyelwe sisininzi. Kwakho, imipapasho yethu iye ilungiselelwe abantu abanokhubazeko ekufundeni, ekuveni nangokwemfundo bakwazi ukuxhamla kwiinkqubo zethu.
Iisimboli ze-SBA:
Intliziyo
Iintliziyo zethu zibethela isi-Afrikaans kwakunye noluntu esiluncedayo.
Izandla
I-SBA sisandla esincedayo kuluntu esisebenzisana nalo kwaye iyathanda ukubambana ngezandla nemibutho eneembono ezifana nezethu.
Iinyawo
I-SBA ngumbutho onomzila ohamba umgama owongezelelweyo ekuncedeni umntu ngamnye kunye noluntu, oku ikwenza ngokuzibonakalisa nangokuzibandakanya nqo (nakwiindawo ezisemaphandleni) okanye ngokuseka izixhobo zedijithali.”
Dibana neqela
Iqela
Iqela
UGqr. Niel le Roux
Umphathi owongameleyo
niel@sbafrikaans.co.za
Nelmari Kemp
Umlawuli jikelele
nelmari@sbafrikaans.co.za
iBhodi
Amaqabane ethu
