Inkqubo yeKhemestri
Ungezelelo lotyalo-mali kwimfundo kwi-Stigting ver Bemagting deur Afrikaans (SBA) ukusukela ngo-2017 luquka ukugxila kulwazi lokufunda, ukubala nokubhala kuphuhliso lobunzululwazi.
Inkqubo yeKhemestri yayililuphulo lokuphuhlisa nokukhuthaza ubunzululwazi njengesifundo sokubonisa ootitshala nabafundi ngokwenziwa elabhoretri.
Amacweyo ahambayo ayenzelwe ootitshala bamabanga asezantsi enziwa kusetyenziswana nePhulo leKhemestri leYunivesity yase-Stellenbosch, i-SUNCOI (Stellenbosch University’s Chemistry Outreach Initiative). Incwadana eyodwa enemigaqo yokuvavanya kwakunye nekhithi epheleleyo yobunzululwazi yakhutshwa kwezi ndibano zocweyo.
Abafundi bamabanga aphezulu banikwa ithuba lokungcamla ukuze babone balindele ntoni kwikhondo lesi sifundo kwindibano yaselabhoretri eyayibanjwe ilanga lonke kwiYunivesiti yase-Stellenbosch kunye ne-Nelson Mandela Metropolitan University (NMMU), ngokulandelana kwazo.
Olu cweyo lwalutsolise kwikharityhulam ka-Grade 12. Ngenxa yokungabikho kweelabhoretri kwezinye izikolo, oku kwanceda kakhulu kubanye abafundi.
IZIQENDU EZIYI – 9: Izixhobo zokufunda ezongezelelweyo
Iividiyo zemifuniselo ebonakalayo eyayenzelwe izikolo zamabanga asezantsi zashicelelwa ngo-2021 kwaye ziyafumaneka njengezixhobo ezongezelelweyo ezenzelwe ootitshala nabafundi. La macweyo ekhemestri yase-SBA ayeququzelelwa kwaye ebhexeshwa ngongasekhoyo uGqr. Rehana Enus owayephuma kwi-SUNCOI.
