IMG20220505104621

Ukuba awukeva ngenkqubo yomdlalo weqonga omalunga ngentolongo kule nyanga kwaye osingathwe yi-Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA), kucacile awukabi yiyo inxalenye yamakhasi ethu onxibelelwayo kwaye isikolo sakho ayikabi sesinye sezo zifunwayo ezikhe zayibona le nkqubo.

Lo mdlalo weqonga linyathelo lenkonde yomdlali weqonga nokwangusihlalo we-SBA, u-Sandra Prinsloo. U-Prinsloo ungumdlali weqonga nomvelisi onendumasi. U-Christo Davids wenza kuqala uphando olubanzi phambi kokuba abhale lo mdlalo weqonga.

U-Davids ubhale umdlalo weqonga elingomama owafelwa ngoonyana bakhe ababini, abafa kwizinto zobogulukudu. U-Carmen Maarman udlala indawo ka Barbara Jantjies, umama woonyana ababini. U-Maarman uthi ukonwabele ukudlala le ndawo. “Kulusizi kum ukubona efelwa ngabo bobabini.”

U-Gershwin Cupido, umququzeleli wenkqubo e-SBA, uthi olu khenketho alukholeleki.

“Siye sanemiboniso engama-40 eNtshona-Kapa, eMpuma-Kapa naseMzantsi-Kapa. Uninzi luqhubeke ezikolweni, ngethuba eminye yenzeke kumaholo oluntu.”

Uthi umboniso obuse-Judah Square e-Knysna ngowona ubuqaqanbile, ngakumbi kubadlali.

78 Barnard Street, Oakdale
Bellville, 7530

Iindaba zakutsha nje

Ukuhamba kukubona

Ukudibana kwamaxhwili alambileyo, iimpuku namalulwane ngesidlo sangokuhlwa kwakunye nobuhle bendalo obungenasiphelo. La ngamava kasomava nokwasisithethi esikhuthazayo, u-Riaan Manser, ...
Funda banzi

Kusungulwe umboniso woopopayi kwiNtaba yeTafile 

Iqela labafundi abaphuma kwisikolo samabanga asezantsi, i-Matjiesfontein Primary School, kwakunye nabo baphuma kwizikolo zokunqula zama-Muslim ezintathu bebekhutshelwe kwiNtaba ...
Funda banzi

Uphuhliso ngeziBalo

Uphuhliso ngeziBalo I-Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA) ibibambe ingqungquthela yophuhliso ngezibalo, kutsha nje. Malunga nootitshala abangama-94 base-Mpuma ...
Funda banzi
Scroll to Top