Amabali malunga neendawo neengingqi ezifana ne-Op-die-berg, Melkhoutfontein, Verlorenvlei kwakunye nawabantu abangaviyo nabangaboniyo agcinwe kwividiyo ukuhlonipha imbali yabantu abadala abantetho isisi-Afrikaans. Le vidiyo ikwacaciswa ngokubhalwa ngolwimi lwezandla nesiNgesi. Kwakhona la mabali acaciswa ngemizobo yabazobi basekuhlaleni.
Incwadi yemfundo ka-Gqirha Achmat Davids ethi: “The Afrikaans of the Cape Muslims from 1815 -1915” yenziwe yalula ukuze wonke ubani akwazi ukuyifunda.
u-Adam Small uye wawongwa yi-Artscape ngomboniso oyimbali ohambayo kwaye oku kuza kukhatshwa ngumsitho wokumkhumbula ngokufunda ocetywa ukwenziwa rhoqo ngonyaka e-Pniel kwi-Adam Small Festival.